Genesis 20:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Abimeleki wambiza u‐Abrahame, wati kuye: Yinto nina uyenzileyo kuti? kanjalo yinto nina endikwonile ngayo, ukuba uzisile pezu kwam napezu kwobukumkani bam ityala elikulu kangaka? izenzo ezinga zingenziwe uzenzile kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikone ngantoni na, ukuba mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenze kum izenzo ezingezakwenziwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikone ngantoni na, ukuba undizisele isono esikhulu nje nasebukumkanini bam? Undenzele izinto ezingafanele ukwenziwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhimeleki ubize uAbraham, wathi kuye: “Yintoni le nto usenza yona? Ndakwenza ntoni le nto undizisela ishwangusha elingaka kunye nabantu bam? Wenze into engenziwayo ke kambe.