Genesis 21:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ngoko ku‐Abrahame: Gxota elikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana welikobokakazi engayi kulidla ilifa kunye nonyana wam, kunye no‐Yisake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana walo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuAbraham, Sikhuphele phandle esi sicakazana nonyana waso, kuba unyana waloo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waya kuthi kuAbraham: “Wethu, sikhuphele ngaphandle esi sicakazana kunye nomntwana waso. Andiyi kuyivumela yona into yokuba lo mntwana wesi sicakazana sahlulelane ngelifa kunye noIsake umntwana wam!”