Genesis 21:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza utixo wati ku‐Abrahame: Makungabi kubi emehlweni ako pezu kwomfana, napezu kwekobokakazi lako: konke akutshilo kuwe u‐Sara, lipulapule ilizwi lake ngako; ngokuba ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo kuAbraham, Musa ukukuvumela ukuba kube kubi emehlweni akho ngenxa yonyana wakho, nangenxa yomkhonzazana wakho; Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, liphulaphule izwi lakhe; ngokuba iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavakala esithi uThixo kuye: “Hayi, sukuzikhathaza ngenxa yalo mntwana nesicakazana sakho. Yenza loo nto ithethwa nguSara wena, kuba kaloku abazukulwana bakho boba yinzala kaIsake.