Genesis 21:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wavuka u‐Abrahame kwa kusasa, watabata isonka, nentsuba yamanzi, wazinika ku‐Hagare, ezibeka egxalabeni lake; wamnika nomfana, wamndulula ke. Wasuka wemka, wabangazeka entlango yase‐Beresheba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka neselwa lamanzi, wanika uHagare, wazibeka emagxeni akhe nomntwana, wathi kuye, makahambe; wemka, wabhadula entlango eBher-shebha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka wathatha ukutya kunye nentsuba ezele ngamanzi, wazinika uHagare, wamthwalisa, wathi makahambe nomntwana wakhe. Wemka ke uHagare, wahamba ebhadula kuloo ntlango iyiBheshebha.