Genesis 21:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waya yena wahlala pantsi elunge naye, kwamgama ongangokutolwa kwesipeta; ngokuba ebesiti: Mandingaboni ukufa kwomfana. Wahlala ke elunge naye, wapakamisa ilizwi lake, walila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama onjengesaphetha; ngokuba wathi, Andiyi kukubona ukufa komntwana. Wahlala phantsi malunga naye, waphakamisa izwi lakhe, wadanduluka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi.