Genesis 21:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye utixo weva ilizwi lomfana; yaza ingelosi katixo yabiza ku‐Hagare isezulwini, yati kuye: Unandawo nina, Hagare? ungoyiki; ngokuba utixo evile ilizwi lomfana apo akona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Unantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe; samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ukhathazwa yintoni na, Hagare? Musa ukoyika; ngokuba uThixo ulivile ilizwi lonyana apho akhona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo.