Genesis 21:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Okokuba ezi mvanakazi zosixe̔nxe uya kuzamkela esandleni sam, ukuze zibe linqi̔na kum lokuba ndilimbile iqula eli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wowathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, La mathokazi eegusha asixhenxe wowathabatha esandleni sam, abe nokungqina ukuba eli qula limbe mna.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uAbraham: “Wathathe la matakane asixhenxe. Ngokwenjenjalo ungqina ukuba lo mthombo wembiwa ndim.”