Genesis 22:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute emveni kwezizinto, utixo walinga u‐Abrahame, wati kuye: Abrahame! Wati yena: Nanku, ndi lapa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye: “Abraham! Wathi yena, Ndilapha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekuhambeni kwexesha uThixo wamvavanya uAbraham. Wambiza wathi: “Abraham!” Wasabela uAbraham wathi: “Ndim lo, Mhlekazi!”