Genesis 22:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayisiti: Ungoluli isandla sako pezu kwomfana, ungenzi nto kuye kanjalo; ngokuba kaloku ndisazi ukuba uyamoyika utixo, ungabambanga nje unyana wako, ukupela kwonyana wako, kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana akho kum, emnye kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, ngokuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo, ekubeni ungandikhanyelanga unyana wakho emnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”