Genesis 22:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Abrahame wapakamisa amehlo ake, wakangela; kekaloku nantsiya inkunzi yegusha ngasemva ibanjisiwe eludadeni ngempondo zayo: wasuka waya u‐Abrahame watabata lonkunzi yegusha, wayinikela ibe lidini lokutshiswa esikundleni sonyana wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva etyholweni, ineempondo zayo; emva koko uAbraham waya wathabatha inkunzi yegusha waza wenza umbingelelo otshiswayo esikhundleni sonyana wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe.