Genesis 22:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Zutabate unyana wako, ukupela kwonyana wako, omtandayo, u‐Yisake, usuke uye elizweni le‐Moriya, umnikele kona abe lidini lokutshiswa, pezu kwenye yentaba endiya kukutyela yona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo phezu kwentaba endokuxelela yona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Thabatha kaloku unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uye ezweni laseMoriya; umenzele khona idini elinyukayo, kwenye yeentaba endokuxelela yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.”