Genesis 22:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute emveni kwezizinto, kwashunyayelwa ku‐Abrahame, ukuti: Bona ke, u‐Mileka uzele naye abantwana ku‐Nahore umkuluwe wako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emva kwezi zinto, kwaxelwa kuAbraham kwathiwa, Yabona, uMilka ukwazele naye kuNahore, umninawa wakho, abantwana:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni kwezi zinto, waxelelwa uAbraham, kwathiwa, Yabona, uMilka naye wamzalela uNahore, umninawa wakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwexesha uAbraham weva ukuba uMilika uzalele uNahore umninawa wakhe abantwana abasibhozo.