Genesis 22:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Abrahame wavuka kwa kusasa, wabopa iqwaṙashe lake, watabata amabini kwamadodana ake aye naye, no‐Yisake unyana wake, wacanda inkuni zedini lokutshiswa, wesuka, wahamba ukuya endaweni abemtyele yona utixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka kusasa uAbraham, walibopha iesile lakhe, wathabatha abafana bakhe bobabini, noIsake unyana wakhe, wahamba naye, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wemka esiya kuloo ndawo wayemxelele yona uThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo.