Genesis 22:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada watsho u‐Yisake ku‐Abrahame uyise, wati: Bawo! Wati yena: Nanku, ndi lapa, nyana wam! Wayesiti: Nang’ umlilo nenkuni, kanti itakane lokwenza idini lokutshiswa lipina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uIsake kuAbraham uyise, Bawo! Ndim lo nyana wam. Wathi, Ukho umlilo neenkuni, kodwa liphi na idini elinyukayo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!” UAbraham wathi: “Thetha, nyana!” UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?”