Genesis 23:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Hefrone ubuhleli pakati kwosapo luka‐Hete; waza u‐Hefrone um‐Hete wampendula u‐Abrahame, ezindlebeni zalo usapo luka‐Hete, kwezabo bonke abezayo esangweni lesixeko sake, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndive!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEfron wahlala phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham, apho babephulaphule oonyana bakaHeti, nabo bonke abangena ngesango lomzi wakhe, wathi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho: