Genesis 23:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai, nkosi yam! ndipulapule ke; intsimi ndiyayinika kuwe, nomqolomba opakati kwayo ndiyawunika kuwe; kwa semehlweni abo onyana babantu bam ndiyawunika kuwe; ncw̔aba ofileyo wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika;emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi loo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hayi, nkosi, ndiphulaphule; Intsimi leyo ndikunika yona, nomqolomba okuyo ndikunika; ndiyakunika phambi koonyana babantu bakowethu; ngcwaba umfikazi lowo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”