Genesis 23:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wateta ku‐Hefrone, ezindlebeni zabo abantu belizwe, esiti: Koko ukuba uya kutenga ngawo, uz’ unge ungandipulapula; ndokunikela intsimi imali; yitabate kum, ndandiya kuncw̔aba ofileyo wam kwa lapo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungandiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha kuEfron, bephulaphule abemi belo zwe, wathi, Ukuba uyapha, phulaphula; ndiya kukunika imali ngelizwe; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”