Genesis 23:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwanjalo ke ukuqiniselwa kwentsimi leyo, nomqolomba obupakati kwayo, ku‐Abrahame, ibe yimfuyo yendawo yokuncw̔aba, lusapo luka‐Hete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaqiniseka ke intsimi leyo nomqolomba okuyo kuAbraham, ukuze abe nendawo yakhe yokungcwaba, ngoonyana bakaHeti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intsimi yomyezo lowo, nomqolomba okuyo, ngoonyana bakaHeti, bawunika uAbraham, ukuba abe yindawo yakhe yokungcwaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mhlaba ke owawungowamaHeti kunye naloo mqolomba waba ngoka-Abraham, wangcwabela kuwo.