Genesis 23:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sipulapule, nkosi yam! uyinkosi katixo wena pakati kwetu; kwelidluliseleyo emancw̔abeni etu mncw̔abe ofileyo wako; akuko namnye wakuti oya kubamba kuwe incw̔aba lake, ukuba ungamncw̔abi ofileyo wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Usisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu; kwelona linyulekayo kumangcwaba ethu, mngcwabe umfikazi lowo; akukho bani kuthi uya kwala nengcwaba lakhe, ukuba ungamngcwabi umfikazi lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sive, nkosi yam, wena uyinkosana eyomeleleyo phakathi kwethu; ngcwaba umfi wakho emangcwabeni ethu anyuliweyo; akukho bani kuthi uya kulivala ingcwaba lakho, ukuba akumngcwabi umfikazi lowo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Phulaphula, mhlekazi, kuthi uyinkosi. Siyakukhululela; ungamngcwaba umfikazi kweyona ndawo uyithandayo.”