Genesis 24:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saya isicaka satabata inkamela zalishumi kuzo inkamela zenkosi yaso, semka ke; ngokuba yonke impahla yenkosi yaso ibisesandleni saso; sesuka semka ukuya e‐Mesopotami, esixekweni sika‐Nahore.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umkhonzi wathabatha unkamela ezilishumi kwunkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram, phakathi kweMilambo, emzini kaNahore.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umkhonzi wathabatha iinkamela ezilishumi enkameleni yenkosi yakhe, wemka; ngokuba zonke iimpahla zenkosi yakhe zisesandleni sakhe; wemka, waya eMesopotami, eNakore.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Induna ka-Abraham yahamba neshumi leenkamela, yaphatha neendidi ngeendidi zezipho. Yanduluka ukuya kwisixeko esasiseAram-narayim apho wayemi khona uNahore.