Genesis 24:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, singekagqibi ukuteta, nankuya u‐Rebeka selepumile, (obezelwe ku‐Betuweli, unyana ka‐Mileka, umfazi ka‐Nahore, umkuluwe ka‐Abrahame,) enompanda wake pezu kwegxalaba lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ingekagqibi ukuthetha, gqi uRebheka esiza, lowo wazalwayo nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNahore, umninawa ka-Abraham, enomphanda wakhe egxalabeni lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba engekagqibi ukuthetha, waphuma uRebheka, lowo wayezalwa nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNakore, umkhuluwa ka-Abraham, enengqayi egxalabeni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe engekaphezi nokuthandaza kwafika uRabheka emthonjeni, ethwele ingqayi yamanzi. Yena ke yintombi kaBhetuweli unyana kaNahore umninawa ka-Abraham. Unina kaBhetuweli nguMilika.