Genesis 24:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yanxama ke, yagalela umpanda wayo emkombeni wokuseza, yabuya yabaleka yaya equleni ukuka amanzi, yada yakela zonke inkamela zaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yakhawuleza, yawugalela umphanda wayo emkhombeni wokuseza, yagidima yaya kukha futhi equleni, yazikhelela zonke unkamela zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhawuleza wayigalela iemele zakhe emkhumbini, wagidima waya equleni, waziqhuba zonke iinkamela zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawagalela loo manzi ayesengqayini kwindawo yokuselela iinkamela, waquqa esiya kukha amanye, zada zasela zanela.