Genesis 24:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayenomkuluwe u‐Rebeka, ogama lingu‐Labane; waza wabaleka u‐Labane lowo, waya endodeni ngapandle, kwa semtonjeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uRebheka waye enodade wabo, ogama belinguLabhan; wagidima uLabhan waya endodeni leyo ngasequleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URabheka wayenomnakwabo ekuthiwa nguLabhan. Yena wasukela ukuya emthonjeni apho kwakukho isicaka sika-Abraham.