Genesis 24:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndize ndikufungise uyehova, utixo wezulu, notixo womhlaba, okokuba akuyi kumtabatela unyana wam umfazi ezintombini zaba‐Kanane, endihleli mna pakati kwabo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndikufungise uYehova uThixo wamazulu, uThixo wehlabathi, ukuba akuyi kumzekela unyana wam umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli phakathi kwawo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kukufungela ngoYehova uTHIXO wezulu noThixo womhlaba ukuba akuyi kumthabathela kuye nawuphi na umfazi unyana wam kwiintombi zamaKanan endihlala phakathi kwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndifuna ufunge phambi kukaNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ukuba akusayi kumfunela umfazi unyana wam apha kwezi ntombi zaseKanana.