Genesis 24:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yangena indoda leyo endlwini: waza wakulula inkamela zayo, wanika inca nokutya kwenkamela, namanzi okuhlamba inyawo zayo, nenyawo zamadoda abenayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yangena indoda leyo endlwini, wazikhulula iinkamela zayo;iinkamela wazinika umququ neendiza, wayinika amanzi okuhlamba iinyawo zayo, neenyawo zamadoda abenayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yangena indoda leyo endlwini, wazikhulula iinkamela zayo, wazinika utyani iinkamela, nokutya, namanzi, ukuba zihlambe iinyawo zayo, neenyawo zamadoda abehamba nayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yahamba naye ke loo ndoda, yaya kowabo, uLabhan wazithula imithwalo iinkamela, wazipha nokutya. Weza namanzi, aza loo madoda ahlamba iinyawo.