Genesis 24:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandul’ ukuti kum: Uyehova, endihambile ebusweni bake, wotuma ingelosi yake ukuya nawe, atamsanqelekise indlela yako; wauya kumtabatela unyana wam umfazi esalamaneni sam nasendlwini kabawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kum, UYehova, endihamba phambi kwakhe, wosithuma isithunywa sakhe siye nawe, ayenze ibe nempumelelo indlela yakho, umzekele unyana wam umfazi emizalwaneni yakowethu, nasendlwini kabawo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi kum, uYehova, endihamba phambi kwakhe, wosithuma isithunywa sakhe siye nawe, ayiphumelelise indlela yakho; mthathele umfazi unyana wam endlwini yam nasendlwini kabawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi yena uNdikhoyo amkhonzayo wothumela isithunywa sakhe phambi kwam, khon' ukuze uphumelele umcimbi endiwuhambelayo. Mna kufuneka ndithathe umfazi kowabo, phakathi kwezizalwana zakhe.