Genesis 24:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko uya kuba msulwa kuso isifungiso sam, nxa uzayo kwisalamane sam; nokuba abaniki kuwe, woba msulwa kuso isifungiso sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wandule ukuba msulwa esifungweni sam xa ufikileyo emizalwaneni yakowethu; ukuba abathanga bakunike, woba msulwa esifungweni sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wosisusa ngoku esi sifungo sam ekufikeni kwakho emizalwaneni yakowethu; nokuba abakunikanga nto, woba ukhululekile esifungweni sam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ukuba ndiyenzile loo nto, zaza izizalwana zakhe azavuma ukundinika intombi yazo, ndoba ke mna ndikhululekile esifungweni sam.