Genesis 24:48 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaye nditoba ngapantsi, ndambedesha uyehova, ndambonga uyehova, utixo wenkosi yam u‐Abrahame, obendikapile ngendlela elungileyo ukuza kumtabatela unyana wake intombi yomkuluwe wenkosi yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathoba, ndamnqula uYehova, ndambonga uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathoba, ndamnqula uYehova, ngenxa kaYehova, uThixo ka-Abraham, inkosi yam, ondikhokeleyo endleleni ethe tye, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiguqile, ndinqula ndibulela uNdikhoyo uThixo ka-Abraham inkosi yam, lo undizise ngqo apha kwintombi engumzukulwana womtakwabo wenkosi yam engendela kunyana wayo.