Genesis 24:49 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ize niti ngoku, ukuba niya kwenzela inkosi yam ububele nenyaniso, nindixelele; nokuba aniyi kwenje njalo, ndixeleleni noko, ndize ndibeke ngasekunene, umhlaumbi ngasekohlo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku ke, ukuba niyayenzela inceba nenyaniso inkosi yam, ndixeleleni; ukuba anenjenjalo, ndixeleleni; ukuze ndibheke ekunene, nokuba kusekhohlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke, ukuba nifuna ukuyikhonza inkosi yam ngenceba nenyaniso, ndixeleleni; ukuba akunjalo, ndixelele; ukuba ndingajika ekunene okanye ekhohlo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yitshoni ke ngoku ukuba nizimisele ukuyenzela le mbeko inkosi yam, ninyaniseke kuyo; naxa kungenjalo ndixeleleni, khon' ukuze ndibone cebo limbi.”