Genesis 24:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sati isicaka kuye: Kungati inkazana ayiyi kuvuma ukundilandela ukuza kwelilizwe; kufanel’ ukuba ndibuyise na unyana wako aye kwelozwe wabupuma kulo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umkhonzi kuye, Hi ke, ayavuma inkazana ukundilandela ukuza kweli lizwe, ndombuyisela na unyana wakho kwelo zwe waphuma kulo wena?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umkhonzi kuye, Hi ke, ayavuma inkazana ukundilandela ukuza kweli lizwe; Ndimbuyisele na unyana wakho kwelo zwe waphuma kulo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sibuzile sathi isicaka sika-Abraham: “Ukuba loo ntombi ayivumi ukulishiya ikhaya layo ize apha kweli lizwe, ze ndithini? Ze ndimse apho kwelo zwe unyana wakho uIsake?”