Genesis 24:54 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza batya basela nokusela, kwa yena namadoda abenaye, balalisa kona; kwasa bavuka, wati yena: Ndindululeni ndiye enkosini yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala, bavuka kusasa, wathi, Ndindululeni ndiye enkosini yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala; bagqiba kusasa, besithi, Ndithumele enkosini yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko loo nduna ka-Abraham yaya kutya naloo madoda yayihamba nawo. Balala apho ngobo busuku. Bathe bakuvuka ngengomso, yathi induna ka-Abraham: “Siza kucela indlela sigoduke namhlanje.”