Genesis 24:60 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bemtamsanqela u‐Rebeka, bati kuye: Ungudade wetu wena; maube ngunina wamawaka amawakawaka, nenzalo yako maifuye isango labatiyi bayo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamsikelela uRebheka, bathi kuye, Ungudade wethu; yiba ngamawaka-waka, imbewu yakho ilidle ilifa isango labo bayithiyayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamsikelela uRebheka, bathi kuye, Ungudade wethu, yiba ngamawaka-waka, imbewu yakho iyidle ilifa izindlu zabo bayithiyayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamndulula ngentsikelelo, besithi: “Hamba ke, ntombi! Unga ungazala waphule uluthi, ube nenyambalala yabantwana. Banga bangazoyis' iintshaba zabo, baziphange nemihlaba yazo.”