Genesis 24:63 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Yisake epumile ukuya kutandaza endle kwakusondela ukuhlwa; waza wapakamisa amehlo ake, wakangela, kekaloku nanziya inkamela zisiza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uIsake, waya kucamngca entsimini, xa kuhlwayo;wawaphakamisa amehlo akhe, wabona nanzo iinkamela zisiza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uIsake wayecamngca elizweni ngokuhlwa; waphakamisa amehlo akhe, wabona iinkamela zisiza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngamhla uthile ngorhatya uIsake wayehamba-hamba endle, wabona kusithi gqi iinkamela, zisiza ngakuye.