Genesis 24:67 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yisake wamsa ententeni ka‐Sara unina; waza wamzeka u‐Rebeka, waye yena waba ngumfazi wake; wamtanda kanjalo. Wada watutuzeleka u‐Yisake emveni kwokufa kwonina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UIsake wamsa ententeni kaSara unina, wamzeka uRebheka, waba ngumkakhe; wamthanda. UIsake wathuthuzeleka ke ngenxa yonina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uIsake wamsa ententeni kanina kaSara, wathi igama lakhe nguRebheka, waba ngumkakhe; wamthanda, waza uIsake wathuthuzeleka emva kokufa kukanina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UIsake umngenise uRabheka kulaa ntente yayiyekanina uSara, wamenza umkakhe. UIsake wayemthanda kakhulu uRabheka, kangangokuba savaleka nesikroba esabangwa kukusweleka kukanina uSara.