Genesis 24:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova, utixo wezulu, owandisusayo endlwini kabawo, nasezweni lesalamane sam, owateta nam, owandifungela nokundifungela ngokuti: Kwinzalo yako ndiya kunika elilizwe; kwa lowo uya kutuma ingelosi yake iye pambi kwako, uze umtabatele unyana wam umfazi kwa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova, uThixo wamazulu, owandithabathayo endlwini kabawo, ezweni lokuzalwa kwam, owathethayo kum, owandifungelayo esithi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe, yena wosithuma isithunywa sakhe phambi kwakho, umzekele umfazi unyana wam khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova, uThixo wamazulu, owandikhuphayo endlwini kabawo, ezweni labazalwana bam, owathetha nam, wandifungisa, esithi, Lo mhlaba ndiya kuyinika imbewu yakho; Wosithuma isithunywa sakhe, ukuba sikukhokele, simthabathele khona unyana wam njengomfazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NguNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ngokwakhe owandisusa kwilizwe lakowethu, naphakathi kwezizalwane zam, wandithembisa efunga ukuba lo mhlaba uya kumiwa ngabazukulwana bam. Nguye oya kuthumela isithunywa sakhe apho, ungekafiki wena. Ke wofika apho uyifumane intombi eyoba ngumfazi wonyana wam.