Genesis 24:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba kodwa inkazana ayiyi kuvuma ukuba ikulandele, woba msulwa kuso esisifungiso sam; kupela ungabuyiseli kona unyana wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke inkazana leyo ithe ayavuma ukukulandela, woba ukhululekile kwesi sifungo sam; kodwa uze ungambuyiseli unyana wam khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba loo mfazi uthe akwavuma ukukulandela, sisuse esi sifungo sam; ungambuyiseli nje unyana wam phaya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ke loo ntombi ayifuni kuza kweli lizwe, woba ke ukhululekile wena kwesi sifungo. Kodwa nokuba sekutheni, uzungakhe ulinge ukumsa kwelo zwe unyana wam.”