Genesis 25:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intsimi owayitenga u‐Abrahame elusatsheni luka‐Hete, kwa kona apo kwancw̔atywa u‐Abrahame, no‐Sara umfazi wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
entsimini leyo wayithengayo uAbraham kooyana bakaHeti.Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umhlaba awawuthengayo uAbraham koonyana bakaHeti, wangcwatyelwa khona uAbraham noSara umkakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yilaa ntsimi uAbraham wayeyithenge kumaHeti. Wangcwatyelwa apho ke kuloo ndawo wayengcwatywe kuyo uSara umkakhe.