Genesis 25:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezi ke zizizizukulwana zika‐Shimayeli, unyana ka‐Abrahame, lowo u‐Hagare um‐Jipetekazi, ikobokakazi lika‐Sara, wamzalela u‐Abrahame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzi kaSara, wamzalela uAbraham.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam,