Genesis 25:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kamva wapuma umninawe walo, osandla sake sabamba isitende sika‐Esau; kwaza kwabizwa igama lake ngo‐Yakobi. Waye u‐Yisake ebeyiminyaka imashumi matandatu ubudala bake, akubazala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi. UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kamva waphuma umninawa wakhe, isandla sakhe sabamba isithende sikaEsawu; Wathi ke igama elinguYakobi; uIsake ebeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukubazala kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Elincinci lavela libambelele nkqi esithendeni sikaEsawu, kwathiwa ke lona nguYakobi. Ukuzalwa kwala mawele uIsake wayeselemashumi mathandathu ubudala.