Genesis 25:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti onyana bamashweshwe, abenawo u‐Abrahame, wabanika u‐Abrahame amabaso, wabandulula kuye u‐Yisake unyana wake, nxa asahleli, ukuya ngapambili, ezweni langasecaleni lipuma ilanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke oonyana bamashweshwe, abenawo uAbraham, wabanika izipho uAbraham; wabandulula, bemka kuIsake unyana wakhe, esekho, basinga empumalanga, ezweni lasempumalanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke oonyana bezithende awayenazo uAbraham, uAbraham wabanika izipho, wabathabatha kuIsake unyana wakhe, ngoxa wayesadla ubomi, wabathabatha waya nabo empumalanga ezweni lasempumalanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke ngaphambi kokuba abhubhe wabaphawulela noonyana bezindlu ezincinci. Emva koko wabandulula baya kuma kwimihlaba engasempumalanga.