Genesis 26:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Abimeleki wabayala abantu bonke, esiti: Ocukumisayo lendoda nomfazi wayo uya kubulawa ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhimeleki wawisela bonke abantu umthetho wokuthi, Lowo uyichukumisayo le ndoda nomkayo wobulawa afe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhimeleki wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Othe wayichukumisa le ndoda nomkayo, wobulawa afe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabayala ke bonke abantu uAbhimeleki ukuba bangabakhathazi ooIsake nomkakhe, esithi owenjenjalo wobulawa.