Genesis 26:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya u‐Yisake wemba amaqula amanzi, ababewembile emihleni ka‐Abrahame uyise; ngokuba ama‐Filistiya ebewavingcile emveni kwokufa kuka‐Abrahame; wayebiza amagama awo ngamagama lawo ubewabizile ngawo uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya uIsake wawamba amaqula, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise; ngenxa yokuba amaFilisti abalela emva kokufa kuka-Abraham, waza wawabiza ngamagama uyise awayewabize ngamagama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.