Genesis 26:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka abalusi base‐Gerari bapikisana nabo abalusi baka‐Yisake, besiti: Ngawetu lamanzi! ngako wabiza igama lequla elo nge‐Heseke, ngokokuba bebepikile naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke, kuba babezamana naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; Wathi iqula elo yiEseke; ngokuba babambene naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.