Genesis 26:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wafuduka kona, walimba elinye iqula; elo abapikisana pezu kwalo; ngako wabiza igama lalo nge‐Rehobote, wati: Ngokuba kaloku uyehova esenzele indawo, size sicume kwelilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka khona wemba elinye iqula; ababambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti. Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka khona, wemba elinye iqula; kwaye ke ngoko abazange baxabane; wathi ukuyibiza yiRehobhoti; wathi: Kungenxa yokuba ngoku uYehova usenzele indawo, yaye siya kusasazeka ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”