Genesis 26:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova wabonakala kuye kwa ngobobusuku, wati: Mna ndi ngutixo ka‐Abrahame uyihlo wako; ungoyiki, ngokuba ndinawe; ndandiya kutamsanqela wena, ndiyandise nokuyandisa inzalo yako, ngenxa ka‐Abrahame isicaka sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo. Musa ukoyika, kuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham, umkhonzi wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo; musa ukoyika, ngokuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham umkhonzi wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.”