Genesis 26:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hlala njengowasemzini kwelilizwe, ndize ndibe nawe, ndikutamsanqele: ngokuba kwa kuwe, nakwinzalo yako, ndiya kunika onke lamazwe; nesifungo endandifunga ngaso ku‐Abrahame uyihlo ndiya kusimisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hlala ungumphambukeli kweli lizwe; ndoba nawe, ndikusikelele; ngokuba ndiya kukunika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa.