Genesis 26:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza amadoda alondawo ambuza ngomfazi wake; wayesiti: Ngudade wam yena; ngokuba ebesoyika ukuti: Ngumfazi wam; hleze ati amadoda alondawo, watsho, andibulale pezu kwo‐Rebeka; ngokuba yena ebemhle ukubonakala kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe. Wathi, Ngudade wethu;kuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; hleze ambulale amadoda ale ndawo ngenxa kaRebheka, ngokuba ebemhle imbonakalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ambuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe; Wathi, Ngudade wethu, ngokuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; Wathi, Mandingandibulali amadoda aloo ndawo ngenxa kaRebheka; ngokuba ebemhle imbonakalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayesithi akubuzwa ngomkakhe ngamadoda alapho, athi ngudade wabo. Wayesoyika ukuthi uRabheka ngumkakhe, hleze ambulale athathe uRabheka, kuba wayemhle kakhulu.