Genesis 26:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Abimeleki wambiza u‐Yisake, wati: Ngenyaniso, bona ke, ungumfazi wako yena! bekuyimna ngoko ukuba wabusitsho ukuti: Ngudade wam? Waye u‐Yisake esiti kuye: Ngokuba bendisiti: Hleze ndiya kufa ngenxa yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi, Yabona, inene ngumkakho lo; ungathini na ukuthi, Ngudade wethu? Wathi uIsake kuye, Bendisithi, hleze ndife ngenxa yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhimeleki wambiza uIsake, wathi, Yabona, ngumkakho ngokwenene; kwaye utheni na: Ngudade wethu? Wathi uIsake kuye, Kungokuba ndithe, Andiyi kufa ngenxa yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ingumkakho nje lo, kutheni le nto uhamba usithi ngudade wenu?” Uthe uIsake: “Ndoyika ukubulawa ngenxa yakhe.”