Genesis 27:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, nxa abesel’ emdala u‐Yisake, namehlo ake ebeluzizi nje, wada wakohlwa kubona, wandula wambiza u‐Esau, unyana wake omkulu, wati kuye: Nyana wam! Wayesiti kuye: Nanku, ndi lapa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo, engasaboni, wabiza uEsawu unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Unyana wam, wathi kuye, Yabona, nantsiya yi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akwaluphala uIsake, namehlo akhe selenorhatyazo, ubize unyana wakhe omkhulu, wathi kuye: “Nyana wam!” Uthe ke yena: “Ndim lo, tata.”