Genesis 27:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti unina kuye: Sibe pezu kwam isiqalekiswa sako, nyana wam! pulapula kodwa elizwini lam, uye undizekele wona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; mamela nje ilizwi lam, uze uye kundithathela wona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe unina: “Siya kuba phezu kwam eso siqalekiso, mfo wam. Yenza le nto ndithi yenze wena; yiza nalaa matakane.”